Google Groups no longer supports new Usenet posts or subscriptions. Historical content remains viewable.
Dismiss

Z.S Qangule

1,517 views
Skip to first unread message

bobani zilindile

unread,
May 31, 1996, 3:00:00 AM5/31/96
to

Nanku umbongo endicinge ukuba ningathanda ukuwubona.Esi sisingqala,
kukugxwala emswaneni,kukutyibela uncoma,zonke zidityaniswe yaluncuthu.
Bendingavuyayo inkuba mininzi imibongo eloluhlobo kuleNewsgroup yethu
sizidlayo ngayo namaqhawe ethu olwimi lwesiXhosa.


UPROFESA ZITHOBILE SUNSHINE QANGULE
(ngu: M Mbambo)

Thathan'abongikazi nibavalele,
Abawaz'umsebenzi wabo wokonga mabavalelwe,
X'inokud'ihambe incutshe enjalo bekho.
Nqunqelan'izinja iintloko zoogqira,
Bonk'oogqira ababekho makufe bona.
Enjalo yon'incutshe eyincutshe yesiXhosa!
Bonk'abo gqira mabaphindel'esikolweni.
Abawaz'umsebenzi wabo wobugqira.
Mabaye kuqeqeshwa okutsha bonke.
Hayi,hay'iintloko mazinqunqwe,
Mazinqunqelwe izinja zizikhukhuze.
Makufe bon'endaweni kaQangule.
Ningamaxoki uQangule akafanga.

Thabathan'intloko kameyitroni niyihlahle.
Niyihlahlahlahle niyihlahle,hayi niyihlahle.
Niyihlahle ngokungakwaz'ukulawula isibhedlele.
Ukub'ebekwaz'ukulawula ngengafang'uQangule.
Yihlahleni ze bayek'ukudukis'abongikazi.
Mabayek'ukudlala ngokuf'ubom abuthengwa.
Bekutheni bona ze bangabiz'uYesu?
Kub'umthandazo yint'enamandla,
Yint'ediliz'amawa ithene kwaneenkunzi.
Yint'ephunzis'amaxhama namabhadi.
Yint'ekhuph'imiphefumlo ishiy'izidumbu.
Yint'efak'umphefumlo kwizidumbu,
Izishiye ziphilile zithetha nokuthetha.
Ngubani n'ongevanga ngoLazaro,
Iwaba lakuloMariya kuloMarita?
Ngenibiz'ukumkani wesiBhalo,
Ingqang'enovelwano yakuloMosisi.
Eyabhong'eGolgotha kwahlwa emini.
Elizwi lihlokoma kwiintaba zoMnquma.
Indoda kwiinkedama nakubahlolokazi.
Nakulo kaQangule iza kubayindoda.

Ngabalel'emangcwabeni salila zoma.
Akhawulez'amadod'ooJili kaJabavu.
OoMzamane nabanye sebemkile.
Lo mzi ngeny'imini awusayi kulila.
Kudal'ulila iinyembezi ziza kuphela.

Welani imilambo niye kubika.
Nibikel'izizwe neentlanga,
Nizibikele ngesi sihelegu.
Nixel'ukub'elasemaXhoseni,
Lilahlekelwe yiprofesa.
Incutshe yesiXhosa samaXhosa.

Gcwanini siyakulilela thina.
Besithembele kuwe sonke.
Phulaphula siyakuyaleza.
Siyakuyaleza kwizikrwaluxa
Oomakhwekhwetha besiXhosa.
Siyakuyaleza kuSomgxada noGqoba,
Siyakuyaleza kwisifundisi uSolilo noJolobe,
Sikuyaleza kubabhali uJordan noMqhayi,
Uncede duna silind'impendulo.
Amade ngawabahedeni,Gcwanini.

Kamnandi!

Zilindile

0 new messages